Ukusabela ngamaxesha anzima
  • Ukunceda abantu abasinde kwinyikima

    Abantu abangaphezu kwe-4 800 baseTürkiye naseSiriya bafumene iindawo zokuhlala zokwexeshana simahla.

Umsebenzi ka-Airbnb.org kukuvula amathuba okufumana indawo, izinto eziluncedo, nenkxaso ngamaxesha anzima.

Siye sanikezela ngeentsuku ezingaphezu kwe-1,4 miliyoni zokuhlala simahla kwimeko yongxamiseko ebantwini abangaphezu kwe-220 000 ukususela ekusekweni kwethu ngo-2020.

Dibana nentsapho yethu

Ababuki Zindwedwe neendwendwe zika-Airbnb.org yeyona nto isenza sifune ukuphumeza ezi zinto.

Ngenxa yentsapho yethu esemhlabeni wonke Yababuki Zindwendwe, abantu abanikelayo, nemibutho esisebenzisana nayo, uAirbnb.org ukwazile ukufunela abantu abangaphezu kwe-140 000 iindawo zokuhlala zokwexeshana.

Indlela uCarmen nabantu bengingqi yakhe abasebenza kunye ngayo emva kweNkanyamba uMaria.

Sinika abahlali indlela yokumanyana xa kusehla iintlekele. Besebenzisa iinkqubo zika-Airbnb.org, abantu bangavula amakhaya abo simahla, bewavulela abamelwane abadinga indawo yokubalekela.

UAirbnb.org uncede abantu abangaphezu kwe-135 000 ababaleke imfazwe ukuba bafumane iindawo zokuhlala.

Kungathatha iminyaka ukuba ingingqi iphinde ilunge ngokupheleleyo emva kwentlekele enkulu. UAirbnb.org uncedisa ukubhatalela iindawo zabasebenzi abancedisa ekwenzeni umsebenzi obalulekileyo wokwakha iingingqi kwakhona.

Ukwenza umhlaba apho abantu beziva bengabalapho

UAirbnb.org usebenzela ekubeni kubekho ihlabathi apho nabani na anokufumana indawo yokuhlala ngexesha lobunzima. Ukuze le nto yenzeke kuye wonke umntu, uAirbnb.org uye wazibophelela ukuze amkele bonke abantu, kubekho ukulingana, ukungakhethi, nokulungela wonke umntu.

Sinceda eminye imibutho engenzi ngeniso ibe nefuthe elihlala lihleli.

Dibana nemibutho embalwa esisebenza nayo eye yanceda ekwenzeni iAirbnb.org.
I-IRC isabela kwezona ngxaki zimbi ezisongela ubomi babantu emhlabeni wonke, kwaye inceda abantu ubomi nempilo yabo eye yachatshazelwa kakubi yimilo nazintlekele ukuba baphile, bachache baze bakwazi ukuqhubeka nobomi.
U-Build Change ngumbutho onqanda iintlekele, onceda xa zehlile noyila izindlu ezomeleleyo noluntu lwasekuhlaleni.
I-HIAS ngumbutho wamaYuda ongajonganga kwenza nzuzo osemhlabeni wonke okhusela nonceda iimbacu, abantu abafuna indawo yokhuseleko, nabanye abantu abasuswe ngenkani kwiindawo zabo ehlabathini jikelele.
UIndawo Yokunceda Ngemali Yentsapho wenza amathuba okuba abantu baseMerika bamkele iimbacu nabanye abantu abafudukileyo.