Ukunceda abantu abasinde kwinyikima
Abantu abangaphezu kwe-4 800 baseTürkiye naseSiriya bafumene iindawo zokuhlala zokwexeshana simahla.
Umsebenzi ka-Airbnb.org kukuvula amathuba okufumana indawo, izinto eziluncedo, nenkxaso ngamaxesha anzima.
Dibana nentsapho yethu
Ngenxa yentsapho yethu esemhlabeni wonke Yababuki Zindwendwe, abantu abanikelayo, nemibutho esisebenzisana nayo, uAirbnb.org ukwazile ukufunela abantu abangaphezu kwe-140 000 iindawo zokuhlala zokwexeshana.
Indlela uCarmen nabantu bengingqi yakhe abasebenza kunye ngayo emva kweNkanyamba uMaria.
Sinika abahlali indlela yokumanyana xa kusehla iintlekele. Besebenzisa iinkqubo zika-Airbnb.org, abantu bangavula amakhaya abo simahla, bewavulela abamelwane abadinga indawo yokubalekela.
UAirbnb.org uncede abantu abangaphezu kwe-135 000 ababaleke imfazwe ukuba bafumane iindawo zokuhlala.
Kungathatha iminyaka ukuba ingingqi iphinde ilunge ngokupheleleyo emva kwentlekele enkulu. UAirbnb.org uncedisa ukubhatalela iindawo zabasebenzi abancedisa ekwenzeni umsebenzi obalulekileyo wokwakha iingingqi kwakhona.
Ukwenza umhlaba apho abantu beziva bengabalapho
UAirbnb.org usebenzela ekubeni kubekho ihlabathi apho nabani na anokufumana indawo yokuhlala ngexesha lobunzima. Ukuze le nto yenzeke kuye wonke umntu, uAirbnb.org uye wazibophelela ukuze amkele bonke abantu, kubekho ukulingana, ukungakhethi, nokulungela wonke umntu.