UEls Ngumbuki Zindwendwe waseRoma oye wabuka undwendwe oluyimbacu ngoAirbnb.org.

Nceda unike indawo yokuhlala iimbacu eziyi-100 000 ezibaleka eUkraine

Nikezela ngeendawo zokuhlala mahala okanye ngesaphulelo ngoAirbnb.org, okanye unikele ukuze imali yethu ikwazi ukunceda ngakumbi.

Uncedo lwakho lwenza umahluko

UAirbnb.org uxhasa iindawo zokuhlala ixesha elifutshane zabantu abaya kutsho ku-100 000 ababaleke eUkraine. Siyazinceda iindwendwe zethu ezizimbacu kungakhathaliseki ukuba zezeliphi ilizwe, ibala, uhlanga okanye indlela ezikhetha ukwaziwa ngayo.

Unokunceda ngokunikela ngeendawo zokuhlala zokwexeshana simahla okanye ngesaphulelo ngoAirbnb.org, okanye ngokunikela ngemali yokubhatalela iindawo zokuhlala.

ULinda, Umbuki Zindwendwe eDallas, uye wamkela iimbacu ngoAirbnb.org.

Nikela ngendawo yokuhlala

Qalisa ukubuka iindwendwe simahla okanye ngesaphulelo.

Indlela ezibukwa ngayo iindwendwe

  • Uza kufaka ibhedi etofotofo nezinto ezinokusetyenziswa ezisisiseko naphi na ukususela kwiintsuku ezimbalwa ukuya kwiiveki ezimbalwa. Funda okungakumbi ngokubuka iindwendwe ezizimbacu
  • UAirbnb.org usebenzisana nemibutho engenzi ngeniso ehlola iindwendwe ezizimbacu ukuba ziyafaneleka ize izincede ngaphambi, ebudeni nasemva kokuhlala kwazo.
  • UAirbnb unika Ababuki Zindwendwe iAirCover: i$1 miliyoni yezigidi zaseMerika eyi-inshorensi yomonakalo, i$3 miliyoni yezigidi zaseMerika yokukhusela kumonakalo, nokungakumbi—ibe Ababuki Zindwendwe ababhataliswa ngazo. Kukho imiqathango nezinto ezithile ezingaqukwanga.
UFode lundwendwe oluyimbacu oluye lwahlala Nombuki Zindwendwe eItali ngoAirbnb.org.

Yonke iminikelo inceda ekwenzeni kufumaneke iindawo zokuhla ezifuneka ngokungxamisekileyo kwabo babalekayo eUkraine nakwabanye abasengxakini.

Indlela okusebenza ngayo ukunikela

  • Wonke umnikelo wakho uza kusetyenziselwa ukunceda abantu bafumane indawo yokuhlala ixesha elifutshane.
  • Iindwendwe ezikwinkqubo yethu azibhatali mali kwiindawo zethu zokuhlala.
  • Iminikelo ungayifaka njengeendleko kwingxelo yerhafu kangangoko ivuma imithetho yerhafu yasekuhlaleni.
UJosue ubuka iindwendwe ngoAirbnb.org ukuze amkele abantu ababalekayo kwiintlekele ezininzi.

Ufuna uncedo?

Asiniki bantu indawo yokuhlala ngokuthe ngqo ngeli xesha. UAirbnb.org usebenzisana neminye imibutho engenzi nzunzo ebhukisha ize ilungiselele iindwendwe ezizimbacu iindawo zokuhlala.

Izinto ezenziwa yimibutho engenzi nzuzo esisebenzisana nayo

Sisebenzisana nemibutho engenzi nzuzo enceda abantu abazimbacu. Le mibutho ixhasa abantu ebancedayo ekufumaneni iindawo zokuhlala nokungakumbi. Iziphakamiso zemibutho engenzi nzuzo zamkelwa xa ziceliwe kuphela.

Into eyenziwa nguAirbnb.org

UAirbnb.org unika imibutho engenzi nzuzo asebenzisana nayo ebonelela ngeendawo zokuhlala zokwexeshana kubantu ebancedayo izibonelelo nezinto zetekhnoloji.

Imibutho esisebenzisana nayo

  • I-HIAS
  • I-International Organization for Migration (IOM)

Indlela uAirbnb ancedisa ngayo

Ukunceda Ababuki Zindwendwe

UAirbnb unika Ababuki Zindwendwe iAirCover: i$1 miliyoni yezigidi zaseMerika eyi-inshorensi yomonakalo, i$3 miliyoni yezigidi zaseMerika yokukhusela kumonakalo, nokungakumbi—ibe Ababuki Zindwendwe ababhataliswa ngazo. Kukho imiqathango nezinto ezithile ezingaqukwanga.

Ukubhatalela iindawo zokuhlala

UAirbnb nabantu abanikelayo banikela ngemali yeendawo zokuhlala zokwexeshana yeembacu ezifikelela kwi-100 000 ezibaleka eUkraine.

Ukungabizi iimali ezimele zibhatalwe

UAirbnb akayitsali imali emele ibhatalwe nguMbuki Zindwendwe nondwendwe kwiindawo zika-Airbnb.org zeembacu.